

82 BONA XHOSA - JuI 1995


UNANA ENERIA MASANGO. 


 INDLU yoWiso-Mthetho inaMalungu ePalamente angama-400, kanti
ali- 103 kuwo ngamabhinqa. INdlu yeeNgwevu (Senate) inamalungu angama-90, kanti ali-16 angamabhinqa. Aliqela amabhinqa angamalungu ePalamente asezikhundleni eziphezulu naziwayo ngabantu. Phofu ke akhona namabhinqa anomsebenzi omkhulu kodwa angaziwa kakhulu ngabantu. Nanga amanye aloo mabhinqa:
* UNANA ENERIA MASANGO (iLungu lePalamente leNATIONAL PARTY). UNana olinenekazi elidlamkileyo nowazalwa ngaphantsi kwenkwenkwezi yeAries, wayengumongikazi nosomashishini ngaphambi kokuba angene kwipolitiki. Wayeqhuba amashishini aquka iivenkile ezimbini zotywala, idisko enenight-club, indawo yokulungisa iinwele, indawo yokusela utywala, nelokucoca izitrato. Wayewaqhuba loo mashishini akhe kunye nomsebenzi wakhe wokuba ngumongikazi.
Waxhoma emsebenzini ngoJanuwari ka 1994 ukuze abe nguMququzeleli osisigxina we NP, waza wakhethwa waliLungu lePatamente ngoAprili ka-1994. Ukwasisithethi seNP kwiPopulation Development Forum, ulilungu leSocial Study Group, nelungu elikhutheleyo leWomens Action yeNP.
Akafikelelanga lula enkcochoyini uNana, ekwanyanzeleka ukuba ashiye umzi nomtshato wakhe ayoqala ubomi obutsha. Uthe: Ukukholwa kwam nokukhula ndiqeqeshiwe kwandenza ndazithemba yaye ndakhuthala kuzo zonke izinto zobomi. Ngoko ndikhetha ukuzibandakanya

AMANENEKAZ1
ANGAMALUNGU EPALAMENTE!
Umnqweno kaHelen Suzman oligqala elalilwela amalungelo abantu nelalifudula liliLungu lePalamante, ude wazaliseka yaye uyabonakala kuzo zonke izindlu zepalamente nakwizakhiwo zikarhulumente. Iminyaka emininzi amabhinqa ebecalulwa, kodwa ngoku anenxaxheba elinganayo neyamadoda ekuthabatheni izigqibo ngengomso leli lizwe. UFELIX MGUDLWA udibene namanye awo...






nabantu abacinga nabenza izinto njengam. Yiloo nto eyandenza ndathanda ukuba lilungu leNational Parly, utsho.
* UPHUMZILE MLAMBO-NGCUKA (iLungu lePalamente leANC). UPhumzile ulinenekazi eliphethe iindawo ezimbini. Ngaphandle kokuba lilungu leNdlu yoWiso-Mthetho, ukwangumfazi weNgwevu noSekela-sihlalo kwiANC eNtshona-Koloni. Indoda yakhe nguBulelani Ngcuka.
Uphumzile onesidanga asifumana kwiNational University of Lesotho onenkwenkwezi esiScorpio, wayefudula eyititshala, umcebisi wabaphathi nomlawuli wemibutho eliqela. Ukwalilungu leRDP Select Committee noSihlalo wepublic Service Select Committee.
Ngemisebenzi ayenzayo uthe:
Amabhinqa nabantu baseMzantsi-Afrika banocelo-mngeni olukhulu lokuguqula bonke basebenzele uluntu olunenkathalo noluzimiseleyo ukusebenzisana, utshilo.

*UTHENJIWE KONA (eUniversity of Cape Town)
Ubonakala rhoqo kwiziNdlu zePalamente uThenjiwe Kono -igosa lemisebenzi elingaphantsi kweDevelopment and Pubfic Affairs Department eUniversity of Cape Town.
UThenjiwe wazalelwa eZimbabwe waza wabuyela elizweni abazalelwa kulo abazali bakhe ngo-1992. Yintoni umsebenzi wakhe? Kukuphucula ubudlelane phakathi koluntu, urhulumente neyunivesithi. UThenjiwe akanalusini tu. Uthi lixesha lokuba amaziko anjengeeyunivesithi norhulumente bayeke ukubonakala njengezinto ezikude nabantu, koko afanele asondele ebantwini.

* UTHEMBEKA GAMNDANA (INGWEVU YE-ANC).
UThembeka lelinye lamanenekazi asoloko exakekile. Ngaphandle kwemisebenzi yakhe emininzi yokuba yiNgwevu, uThembeka ukhuthele gqitha kwimicimbi yeANC Womens League.
Uyititshala eqeqeshiweyo yaseMpumo-Transvali, kwaye ungumntu ongqongqo ofuna yonk into iqhutywe ngendlela efanelekileyo. Kutshanje ube ngundaba-mlonyeni ngokuchasa ukutshwankathelwa koMhobe weSizwe. Abantu abaninzi bafile befela lo Mhobe weSizwe. Kungani usenziwa mfutshane nje ngoku? utsho

Kushicilelo lwethu oluzayo, uMhleli weZabasetyhini uza kubhala ngaMabhinqa aneMpumelelo yaye uza kunixelela izinto abazenzayo ebomini nezinto achitha ngazo ixesha. Ungaphoswa ke




UTHENJIWE KONA





kufote URICHARD VAN RYNEVELD
bafotwe evineyad Hotel, eKapa.
sibulela uIRMA FUTERAN ngokulungiselela ukufotwa kwabo. iinwele zilungiswe nguHenry E. Wakefield (wakwaSands Hair); izihombo zezakwaManison Jewellers, eDundee; imake-up yenziwe nguLancome Paris; iimveliso zeenwele zezakwaWeila.







BONA XHOSA - July 1995 85

Xa usisilumko unokukufumana okunqwenelayo.
Akufuni ukuba sisinhanha nge-R25 000?
Okokuqala, gqiba ngokunqwenelayo. Okwesibini, zama ukukuphumeza. Okwesithathu, qiniseka ngokukwenza kakuhle. Soloko ucinga, wenze, ubukeke usisilumko. Qala nge-Escort pantihose. Xa uzinxiba uba mhle, usisilumko xa uzithenga kuba xa ufumana iikawusi ze-25 Gold Dollar zifihlwe kwipakethi yakwaEscort, uza kuzuza i-R1000 kwangoko xa ufowunela kwinombolo ebhalwe kuloo kawusi. Kukho intaphane. Enoba ufumana ikawusi eyiGold Dollar okanye ungenzi njalo usenokuzuza ama-R25 000 xa kutsalwa owelwe ngumq esandleni. Bhala igama lakho kuyo nayiphi na ipakethi yakwaEscott, thumela kule dilesi: ESCORT "WaIk it like you talk it Competition, P0 Box 136, Estcourt, Natal, 3310, uze uzuze i-R25 000. Yenza ngubulumko, yenza ngoku.





87BONA XHOSA - JuLy 1995


YIBA NEMILENZI EMENYEZELAYO
NGESILK- PANTY-STOCKINGS
ZAKWAESCORT
Iipantihose ziyathanda ukwenza imilenze ikhangeleke igxekekile. Ngokufika kweSILKY PANTYSTOCKING ZAKWA ESCORT
unganekawusi ezimenyezelayo wongeze ukubukeka kwiipantihose zakho.

Ezi SILKY PANTY-STOCKING
zifumaneka ngoMedium, Large, Extra Large kunye no Super Large, kwimibafa yefashoni eyiblackmail, Mexican Silver, Silver Grey, Champagne Suede, Chantilly, Bare Beige, Beach Bronze, Wine Sparkle kunye neSilver Sparkle. Icebiso lakwaEscorl Ezingaqinonga zezona zenza imileze yakho imenyezele ngakumbi.

Xa ufuna iinkcukacha ngomthengisi zikawusi okufutshane nawe, nceda utsalele umnxeba uHerman Molan kule nombolo (011) 880 8800.


BONA XHOSA - July 1995 89

Usana lusoloko luzisa ulonwabo kusapho lwethu...Ukuqala kwalo ukuhamba, ukuqala kwalo ukuthetha....Ezi zinto nezinye ziyakuhlala zikhumbuleka. Kwaye nanjengoomama bonke bendisoloko ndilunika olona ,nonophelo usana lwam, ngokuqinisekisa ukuba...

NDILUNIKA UNONOPHELO
OLULODWA USAPHO LWAM


UKUZALWA kosana ekhaya kuzisa ukuxakeka nezinye iingxaki ngeentsuku zokuhlamba impahla....Ingakumbi xa singabantu abaphangelayo
Lilonke sifanele sisebenzise iimveliso eziza kuwenza ube lula umsebenzi wokunonophela usana olutsha. Bayayazi abakwaSTA-SOFT loo nto kwaye baqinisekisile ukuba bayahlangabezana neemfuno zoomama ngokuthetha nabo nangokumamela abakufunayo. Phofu siyazi ukuba usana olonwabileyo loluphila tofotofo!
ISTA-SQFT Sensitive Care senziwe ngokukodwa ukuze ube lula umsebenzi wakho wemini.Indlela esisebenza ngayo siwenza amalweyile athambe, abe nevumba elimnandi kwaye siluphatha kakuhle ulusu
olubuthathaka losana.
ISTA-SQFT Sensitive Care esiqholiweyo nesingenadayi sisusa iintsalela zesepha, ezishiywe
yisepha engumgubo, emalweyilini ngobunono nangendlela
esebenzayo kwaye sohlula-hlula amalaphu siwenze amalweyile abukeke ematsha.
Amalweyile athambile, awakhuthuki, ahlala ixesha elide, asoloko epholile kwaye afunxisisisa ngeyona ndlela...lilonke iSTA-SOFT siqinisekisa ukuba usana lwakho lusoloko luphila tofotofo kwaye lonwabile.
ISTA-SOFT sithambe okwezandla zikamama!



	L..                             

